Untitled

Transkript

Untitled
Ukubeka iSiseko esiQinileyo:
INtetho yoLwabiwo-mali yoRhulumente woMmandla 2010/11
Anton Bredell,
UMphathiswa woRhulumente woMmandla, iMicimbi yokusiNgqongileyo
neZicwangciso zoPhuhliso
24 kuMatshi ka2009
Somlomo oHloniphekileyo
Nkulumbuso eHloniphekileyo yeNtshona Koloni
Balingane beKhabhinethi yePhondo
Malungu eNdlu yoWiso-mithetho yePhondo
OoSodolophu abaPhezulu
Mahlakani kuRhulumente woMmandla
Zindwendwe zethu eziMenyiweyo
Manene nani Manenekazi
Mnu. uSomlomo, ndingathanda ukucela ukubuza iNdlu le umbuzo: Siza kushiya ntoni
kubantwana bethu?
Ingaba baya kuba nazo izixhobo zikamasipala ezibanika amanzi acocekileyo, okanye
ingaba baya kuguliswa ngamanzi? Ingaba siya kukwazi na ukudlulisela kubo
ukuziphatha okusexabisweni
kokunyaniseka, ukusebenza nzima, nobukrelekrele
bokungafihlisi, okanye siya kuba ngumzekelo wokuzicingela ezethu iziqu kwakunye
nesimilo esikhohlakeleyo? Ingaba siya kushiya ngasemva omasipala abanempumelelo,
oomasipala abakwaziyo ukuphendula, okanye oomasipala abachitha-chitha amandla
obutyebi/ubuqili nabangamameliyo ebantwini?
Kufanelekile ukuba sicinge ngezi zinto, ngoba sakha isiseko sabantwana bethu. Esi
siseko singabavumela ukuba bazalisekise amandla angabonakaliyo akubo okanye
ibalungiselele intsilelo. Ingaqinisekisa ukuba bonke banawo amathuba alinganayo
okuphumelela, okanye ingasingela phantsi amaphupha abo.
1
NjengoMphathiswa
woRhulumente
woMmandla,
ndiyazi
ukuba
uRhulumente
woMmandla usondele kakhulu ebantwini. Kufuneka simenze alunge ukuze sizingce
ngoko sikushiyela abantwana bethu.
Iinkonzo ezisisiseko zikaMasipala
Mnu Somlomo, enye yezinto ekufuneka siyenze ilunge luxhobiso lweendlela
nemibhobho nemijelo yothungelwano lwamanzi ahamba ngaphantsi komhlaba olusinika
ezona nkonzo zisisiseko zethu. Kufuneka silondoloze oko sinako, kufuneka sakhe
izixhobo ezintsha, yaye kufuneka sibe nabantu abangamachule amagcisa koomasipala.
ISebe lam lisebenze nzima kule miba. Ndiye ndacela iSebe lam ukuba liphuhlise
iSicwangciso esinoBuchule seZixhobo eZininzi saManzi nokuCocwa kwawo kwiPhondo,
yaye ndanelisekile ukuthi senze inkqubela-phambili elungileyo. Sigqibe ukwenza ingxelo
yokutshayelela ethi sidinga kangange- R16 billion ukuze silungise intsilelo yethu.
Sigqibe ingxelo yezemali ethi sidinga inkxaso-mali engaphezulu evela kurhulumente
kazwelonke, kodwa iphinda ithi oomasipala kufuneka basebenzisa ubutyebi bengeniso
yabo ekhoyo ngendlela engcono.
Njengokuba ndithetha, izithili ezintlanu zikamasipala kwiProvinsi zikwinkqubo yokwenza
izifundo ngokunokwenzeka okuya kuthi kwakhe isisekelo seSicwangciso soBuchule
(Master Plan). ISicwangciso soBuchule siya kusixelela emakwakhiwe, nokuba
ingakanani na indleko yaso, bangaphi na abantu emabaqeqeshwe ukusiqhuba esi
sicwangciso, singasixhasa njani na ngemali, nokuthi singasiphumeza njani na. Iya
kusinceda sakhele ikamva lethu, sakhele nabantwana bethu.
Ukongeza kwiSicwangciso soBuchule, iSebe lam liya kunceda oomasipala ukuphuhlisa
izinto zeencwadi zobhaliso zazo zonke izinto zezixhobo. Oku kuya kuqukanisa ulwazi
ngobom bezixhobo kunye nokuhla kwezinga lendleko yazo. Olu lwazi luya kuba
nempembelelo enkulu kulwabiwo-mali lukamasipala, ngoba luya kuxelela oomasipala
ukuba lungakanani na ulwabiwo ekufuneke lunikezelwe ekulondolozweni kwezinto zethu
ezixabisekileyo.
2
Siyazi ukuba singazilondoloza kuphela izixhobo zethu xa sinezakhono ezilungileyo.
Ngako oko siya kube sisenza uphicotho lwabo bonke ubuchule bobugcisa
obukumasipala size kamva, sikunye namahlakani ethu iBhanki yoPhuhliso ye-Afrika
eseMazantsi (Development Bank of Southern Africa -DBSA) kunye neSebe leMicimbi
yaManzi, siphuhlise isicwangciso sexesha elide ukwakha ezo zakhono komasipala.
Akufuneki sakhe kuphela izixhobo ezintsha, kufuneka kwakhona sakhe nabantu.
ULawulo lweNtlekele
Mnu uSomlomo, ndibuze ukuba ingaba abantwana bethu baya kufumana amanzi
acocekileyo na kwixesha elizayo. Umbuzo obaluleke nangaphezulu nanku, ingaba baya
kuba namanzi na ngexesha elizayo?
ISithili sase-Eden siye sabanjwa kakhulu yiyona mbalela yakhe yambi ukusukela
kwiminyaka engama-132. IZiko lam loLawulo lweNtlekele kwiPhondo (PDMC) lisebenze
ngokusondelelana neMossel Bay, iGeorge, iKnysna neBitou ukulwa ngempumelelo nale
mbalela. Ndanelisekile ukuthi asilwi kuphela neli xesha lobunzima likhoyo, kodwa siya
qinisekisa kwakhona ukuba abantwana bethu abakwiGarden Route baya kuba namanzi
awoneleyo kwixesha elizayo.
IZiko lam loLawulo lweNtlekele likwazile ukuhlanganisa i- R195 million kwinkxaso-mali
yokunika isiqabu kwimbalela, yaye le nkxaso-mali iyasetyenziswa ukuphumeza
iiprojekthi ezisaqalisayo. IKnysna seyimisele umzi-mveliso wayo wokuqala wokususa
ityuwa eSedgefield, nomnye umzi-mveliso wokususa ityuwa eBitou kwakunye
naseKnysna ngokwayo. Oomasipala abangaselunxwemeni bona baphumeza iiprojekthi
zokusebenzisa kwakhona amanzi asele esetyenzisiwe (water recycling projects), yaye
kwixesha elizayo iipesenti ezingama-20 zamanzi wabo ziya kuza zivela kwezi projekthi.
Siya kuqhubeka sincedisa aba masipala njengoko bephumeza iiprojekthi zabo
zengxakeko (emergency projects) phakathi ku 2010/11.
Sifunde kakhulu kula mava. Sicela oomasipala kwiPhondo ukuba baqinisekise ngokuba
imigaqo yoluhlu lwerhafu yabo iquka iirhafu zamaxesha kaxakeka, yaye sicela wonke
umntu kubo aphuhlise isicwangciso solawulo lwembalela.
3
Undoqo/impendulo yokulawula iintlekele kukuzicwangcisela-ukuchonga imingcipheko
yengozi,
ukuzixoxa,
yaye
uzilungiselele.
Sibonelela
ngoqeqesho
koomasipala
ekucwangciseleni iintlekele phakathi kuMatshi, yaye siya kube sinceda bonke
oomasipala abangama-30 ukuba balungiselele iZicwangciso zoLawulo lweNtlekele
njengenxalenye yeZicwangciso eziManyeneyo zoPhuhliso.
Kwakhona senza izicwangciso zentlekele zeNdebe yeFIFA yeLizwe ka2010 (2010 FIFA
World Cup). Esi siganeko siya kubeka ucinezelo olukhulu eNtshona Koloni kwiinkonzo
ezifana namanzi, nokubonelela ngombane nezempilo kunye neendlela zezothutho. IPDMC iye, ngokuhlangana noomasipala bonke nabaxhasi-zinkonzo abafanelekileyo,
balatha iingozi ezifanelekileyo yaye baphumeza izicwangciso zokunciphisa ezo ngozi.
Kufuneka sihlale silindele nayiphi na intlekele kwesi siganeko sika-2010.
Mnu. uSomlomo, ndingathanda ukwazisa kuni uGerry the Giraffe. UGerry unentamo
ende yaye uyakwazi ukubona iintlekele zisekude. Siphuhlise eli khubalo ukuze sifundise
abantwana bethu ngeengozi zomlilo nezikhukula zamanzi nokubaxelela emabakwenze
xa kukho intlekele. IPhulo loKwazisa ngoMlilo neSikhukula lifikelele kwizikolo ezili-13
kubafundi abangama-3,876 ngexeshana lenyanga enye. Oku kwaquka ukhuphiswano
lwemibongo nomboniso wemfundo. Abantwana bawuthanda lo mboniso balufunxa
ulwazi olubanika amanqaku ngokhuseleko kunye neenombolo zengxakeko. Siya
kulandisa eli phulo phakathi ku2010/11 ukuze sikwazi ukufikelela kubafundi abaninzi
ngaphezulu.
Ndingathanda ukuthatha eli thuba ndibuleIe bonke abantu abachithe iiyure ezinde,
ezishushu besilwa nayo yonke imililo ngexesha lehlobo elidlulileyo. Sandisa amandla
ethu okuxhasa le nkonzo ibaluleke kangaka. Siya kulungelelanisa ukuqaliswa
koqeqesho olwahlukahlukeneyo kwiPhondo lonke yaye siya kupapasha imiyalelo eya
kunceda oomasipala ukuba bakwazi ukufezekisa iinkonzo zomlilo. Oku kuya
kuqinisekisa ukuba inkonzo ephumelelayo nethabathekisayo iya bonelelwa kubantu.
Senza ezi zinto ngenxa yokuba abantwana bethu bafanele ukuhlala phakathi koluntu
olukhuselekileyo kwiintlekele.
4
INkxaso yokuXhotyiswa
Mnu uSomlomo, ukuba sifuna ukwakha isiseko esiluqilima sabantwana bethu, ngoko
kudingeka
sakhe
oomasipala
abaqinileyo,
nabanoxanduva
lokuphendula.
Sinomsebenzi omninzi emasiwenze ukuba sifuna ukuzuza oku.
Into yokuqala ekufuneka siyenze kukuqinisekisa ukuba ooceba bakamasipala
namagosa bamelwe kukuphendula ebantwini. Enye yeendlela zokwenza oku kukwakha
iindlela zolawulo lokwenziwa komsebenzi eziphumelelayo. Kulo nyaka uphelileyo
sixhase oomasipala abali-19 ukuze baphucule iindlela zabo zokulawula ukwenziwa
komsebenzi, yaye siphuhlisa izalathisi zokwenziwa komsebenzi kwiiwadi komiti.
Kunyaka olandelayo siza kuqhubeka sixhasa oomasipala ekuphuculeni nangaphezulu
iindlela zokulawula ukwenziwa komsebenzi wabo.
Kwinyanga edlulileyo, iSebe lam lihambele bonke oomasipala ukuze libabuze ukuba
loluphi na uxhobiso olungundoqo abajamelene nalo. Oku kwakhe inxalenye yenkqubo
kurhulumente woMmandla kazwelonke ebizwa ngokuba yiNational Local Government
Turnaround Strategy process. ISebe lam liya kuthatha lonke ulwazi olunikezelwe
ngoomasipala lize libonelele ngenkxaso eyenziwe kakuhle yoomasipala. Siya kwakha
‘’ulawulo oluyintloko lobuchule” apho iingcaphephe ziya kuvela khona ziphoswe
koomasipala ngesaziso esifutshane.
ISebe lam liqinise unxulumano lwalo neBhanki yoPhuhliso yaseMazantsi e-Afrika
(DBSA).
I-DBSA ibonelela ngenkxaso efumanekayo koomasipala baseKannaland,
iMatzikama, iBergrivier, iCederberg neSaldanha Bay ngokukhutshwa kweemali,
isicwangciso nokumiselwa kweengcaphephe zobunjineli.
Ukuthetha noLuntu
Mnu uSomlomo, ngoSeptemba ka2009 ndathumela iSebe lam lonke ukuba liphume liye
entsimini njengenxenye yenkqubo ye-Turnaround Strategy. Bangena iminyango
ngeminyango bebuza abantu ukuba kuya bonwabisa na ukukhutshwa kweenkonzo
zikarhulumente nokuba ingaba banengcinga ezithi umasipala uyabamamela na.
5
Abanye oomasipala benza kakuhle kakhulu kule miba. Kodwa Mnu. uSomlomo, uninzi
lwabantu bethu bathi abazi ukuba ngubani na okwiwadi komiti zabo, nokuba izikhalazo
eziphakanyiswa kwiintlanganiso zeewadi komiti azihanjiselwa phambili ngumasipala,
nokuthi ooceba bewadi ababuyeli kubo kwakhona nengxelo, yaye abafumani
zimpendulo zibhekisele kwizikhalazo zabo ngokukhutshwa kweenkonzo.
Ndikhathazekile ngoku ngoba ukuba noxanduva lokuphendula kusembindini wolawulo
olulungileyo nokukhutshwa kwenkonzo. Kulo nyaka uzayo, iSebe lam liza kuncedisa
oomasipala
ukuba
baphuhlise
nokuze
baphumeze
ubuchule
bothungelwano
olunempumelelo. Liya kuqhubeka libonelela ngenkxaso noqeqesho kuthatho-nxaxheba
loluntu yaye liya kuqeqesha amalungu eewadi komiti. Kufuneka sishiye abantwana
bethu neenkqubo zikarhulumente wommandla okwaziyo ukumamela abantu aze
aphendule kubo.
Isicwangciso esisekelwe kwizimvo zabahlali
Mnu. uSomlomo, uphando lwethu lwe-Turnaround Strategy ngoSeptemba kwakhona
lavelisa ukuba abantu ababoni nguqu ibonakalayo ekuhlaleni.
Kubo, iSicwangciso
soPhuhliso oluManyeneyo (IDP) luxwebhu nje. Alithethi nto ebomini babo.
Ngoku, Mnu uSomlomo, ndiyazi ukuba kunyaka-mali odlulileyo bonke oomasipala
abangama-30 eNtshona Koloni bangenisa ii- IDPs zabo, nokuba abangama-28 kwaba
bangama-30 bafunyaniswa befanelekile ukuba basifanele iSicwangciso soPhuhliso
oluManyeneyo noluthembekileyo (credible IDP). Ndicinga ukuba oku kuyimpumelelo
enkulu, kodwa ukuba ne-IDP ethembekileyo akuthethi ukuba i-IDP iyathetha kubantu
abasezantsi. Abantu bethu kufuneka babone ukuba i-IDP yabo iza kubuphucula njani na
ubom babo.
Kungesi sizathu okubangela ukuba mandigxininise ngenkxaso yam koomasipala
ngesicwangciso ngesicwangciso esisekelwe kwizimvo zoluntu. Ndicele umasipala
ngamnye ukuba ajolise kwiaadi elihluphekileyo yaye aqinisekise ukuba isicwangciso
sewadi salo mmandla sibhalwe phantsi. Isicwangciso kufuneka salathe iinguqu ezithile
6
eziya kwenzeka kolo luntu kunyaka olandelayo. Le ndlela yokuvelela kufuneka inabele
kuzo zonke iiwadi emva koNyulo loRhulumente woMmandla ka2011.
Siza kuqhubeka siphucula ii-IDP iyonke. Icandelo le-IDP yam lancedisa oomasipala
abasi-8 ukuphucula ii-IDP zabo, saza sagqiba inkqubo yoQeqesho oluneziQinisekiso
lwee-IDP zokuqala zePhondo kwilizwe lethu. Bangama-24 bebonke oomasipala
abazuzileyo kule nkqubo.
ULawulo olulungileyo
Mnu uSomlomo, kulo nyaka uphelileyo ndandikhathazeke kakhulu sisimilo sabanye
ooceba bethu. Igunya liye latshintshwa ngokuphinda-phindeneyo kwezinye iikhansile
zomdibaniselwano, ooceba bakusebenzisa oku njengethuba lokwenza amabango
anenzuzo ngakubo buqu kodwa asisithintelo kumasipala. Basusa amagosa anesakhono
sokusebenza kamasipala baze banyule abantu abathandwa ngabo.
Singakubiza oku ngeendlela ezininzi: ukukhetha izalamane, ukukhetha abahlobo bakho,
okanye ukumiselwa kwamalungu omkhosi. Andiyibizi kakuhle.
Ndingathanda ukuvuyisana nabo masipala apho oku kungenzekiyo. Nandlala umzekelo
omhle kubantwana bethu. Nibafundisa ukuba baya kuphumelela ebomini ukuba bafunda
ngamandla
basebenze
nangokuzimisela.
Nibafundisa
ukuba
baphumelele
ngokwemfaneleko esekiweyo hayi ngenxa yokuba ngabahlobo noosopolitiki.
Ndinika amandla uxhobiso lweSebe lam lokubek’esweni ezi ndlela zentsingiselo
zikamasipala nokuthatha isenzo esinempumelelo. Ezinye iiKhansile zithatha izigqibo
ezicacileyo ukuba zingaphandle komthetho ngokupheleleyo. Babamba iintlanganiso
baze bathathe izigqibo ngaphandle kwenani elifunekayo labantu bokuthatha isigqibo
(quorum). Basusa abaphathi abanezakhono ngaphandle kwezizathu eilungileyo. ISebe
lam liza kuqinisekisa ukuba iiKhansile ziza kwenza ngokwasemthethweni yaye ndiya
kuthatha amanyathelo aqinileyo ukuba abayenzi loo nto.
7
Kulo nyaka uphelileyo ndathi indlela yokulwa nenkohlakalo nobuqhetseba kukuyithintela
ingenzeki kwakuqala. Ndiya zingca ukuthi iSebe lam lidlulile ngokwenza malunga nalo
mbandela. UQeqesho loLawulo olulungileyo lwenziwa koomasipala abali-10. ISebe
lanikezela
ngoqeqesho
koomasipala
abasi-8.
loLawulo
lweMikhwa
Sabonelela
eseSikweni
kwakhona
ngoncedo
(Ethics
Management)
koomasipala
abasi-7
ekuphuhlisweni koBuchule bokuChasana neNkohlakalo neZicwangciso zokuZiphumeza.
Kunyaka olandelayo, iSebe lam liza kwenza uPhando ngobuQhetseba neMikhwa
eseSikweni koomasipala abangama 29 beziphaluka nezithili.. Liya kwenza nendibano
yokwabelana
ngezimvo
yeentsuku
ezimbini
koomasipala
abali-11
ukuncedisa
ngokuphunyezwa kweZicwangciso zokuThintela uBuqhetseba. Iindibano zokwabelana
ngamava ziya kubonisa oomasipala ukuba luqaliswa njani na uphengululo nokuba
imiselwa njani na ikomiti eyakuqinisekisa ukunamthela kwimikhwa esesikweni
nasekusebenzeni ngaphandle kobuqhetseba ngaphakathi kumasipala.
Ngokufutshane, siya kufundisa abantu ukuba bubonwa njani na ubuqhetseba
nenkohlakalo
nokuba
kwenziwa
njani
na
ukukhawuleza
wenze
into
ngabo
ngempumelelo. Kufuneka sishiye imbali yorhulumente ococekileyo.
Ukuthatha iinkonzo uzise ebantwini
Mnu. uSomlomo, abantu bale Provinsi badinga ukukwazi ukufikelela kwiinkonzo
zikarhulumente nakwimisebenzi. Yimfanelo yethu njengorhulumente ukuqinisekisa
ukuba siya bafikelela ngeenkonzo zethu, oku kuyinyaniso eyodwa nakwimimmandla
esemaphandleni.
Kulapho aBasebenzi bethu boPhuhliso loLuntu bangena khona. Njengesiphumo
somsebenzi wabo, abantu bafumana inkxaso-mali yokukhubazeka, yenkam-nkam,
nenkxaso-mali yabantwana. Bafumana ulwazi olubalulekileyo kwiindibano zokwabelana
ngamava, umzekelo ngothintelo lwe-HIV / AIDS okanye ukuqalisa ishishini elilelakho.
Mandinikezele ngale mizekelo mibini yempembelelo echanekileyo yomnye wee CDWs.
uWelile Mbonja, iCDW ekhubazekileyo, wancedisa abahlali bakwaLanga ukuba bamise
8
uMasincedane Association kwaLanga, umbutho ongaphili ngokwenza ngeniso. Oyena
ndoqo wenjongo zalo mbutho kukunika igunya kwabo bakhubazekileyo ngeenkqubo
zokuphuhlisa izakhono kunye namanyathelo okuxhotyiswa kwezakhono.
UWelile wakwazi ukunyusa imali engange R73, 000 evela kwa- Eskom ne R19,600
evela kwiSebe lezoPhuhliso lweNtlalo ukuze kufumaneke izinto zokuthunga namafele
(leather). UWelile kwakhona waqalisa iqela/iklabhu yebhasketbholi yababopheleleke
esitulweni esinamavili ebizwa ngokuba zii “Shining Stars”.
U-Anna Simons, iCDW esuka eKalbaskraal, yalatha abafundi abasi- 8 abanabazali babo
bangenamali yokuthenga iyunifomu yesikolo. Ngenxa yongenelelo luka-Anna, umama
onguSomashishini, uceba kamasipala, neZiko loLuntu iKraaltjie bahlanganisana baze
bazithenga ezi yunifomu zesikolo. Khawufan’ucinge ngempembelelo ebomini baba
bantwana nempembelelo yokuba izenzo ezincinci zingakwazi ukuba nokwenza
abantwana bethu bafikelele kwawona mandla banawo.
Ndichwayitile kukuba imfanelo yamaziko iThusong Centres idluliselwa kwiSebe lam,
ngenxa yokuba iCDWs zilikhonkco elibalulekileyo phakathi kwaMaziko eThusong
nabahlali. IiCDWs zenza abantu baqonde ngeenkonzo ezifumanekayo kula Maziko,
basebenzisa la Maziko kwindibano zokwabelana ngamava, yaye bayawunabisa
umsebenzi wala Maziko uye kufikelela kubantu abasemaphandleni. Ukuba umntu uhlala
kude neThusong Centre kodwa edinga ukufaka isicelo senkxaso-mali, ngoko umsebenzi
weCDW angabonelela ngefomu efanele igcwaliswe, athathe ifomu ayise kwiThusong
Centre, aze emva koko anikezele ngengxelo yesiphumo seso sicelo. Ngokwenyani,
iiCDWs baziingalo zokubizela abantu kwezi Thusong Centres.
Ndineenjongo ezintathu ngezi Thusong Centres kulo nyaka uzayo. Ndiya kuzenza
ukuba zime zingagungqi ngokwasezimalini ukuze zibonelele ngeenkonzo kakuhle
zexesha elizayo. Ndiya kuyiqinisa inkonzo yokumemelela esele isenziwa ziiCDWs.
Okokugqibela, ndifuna la Maziko abe ziindawo apho abantu banokufumana khona
imisebenzi baze bafunde ukuqalisa amashishini abo. Amaziko ali-11 sele eneeprojekthi
azidalileyo zemisebenzi okanye sele bonelela ngoqeqesho loshishino, yaye ndiza
9
kukwandisa oku. La Maziko eThusong kufuneka abe yimithombo yoncedo nethemba,
hayi kwisizukulwana sethu sodwa kodwa nelabantwana bethu.
URhulumente woMmandla ongaGungqiyo
Mnu. uSomlomo, ndixhalabile kakhulu ngendleko ebizwa kukuqhutywa kukamasipala
nokukhupha iinkonzo. Ndiya kholwa ukuba oomasipala abaninzi eNtshona Koloni
bazimisele kakhulu ekusombululeni imiceli-mngeni yophuhliso lwabo. Kodwa
ukusombulula intlupheko nokungaphuhliseki ngokupheleleyo kufuna inkxaso-mali
ebonakalayo, yaye inkoliso yoomasipala abenzi ngeniso yaneleyo.
Ukumiswa konyuso-mali lonyaka kwimivuzo alukho sezandleni zikamasipala
wesiphaluka. Ukusuka ngexesha lomhla woku-1 kuJuni 2009 ukuya kumhla woku-1
kuJulayi 2011, imivuzo yabasebenzi bakRhulumente woMmandla iya kube inyuke
ngeepesenti eziphakathi kwama 35 nama 38. Abaphathi abaphezulu ngaphandle
kwentandabuzo nabo baya kubanga ukunyuswa kwemali okufanayo. Oku kushiya
oomasipala bengenakuthini kodwa kufuneka benyuse iirhafu zabo, imirhumo eentlawulo
zenkonzo.
Umphumela woko ke kukuba umthwalo weerhafu neentlawulo ziya ziba nzima kakhulu
kubantu. Ndikhathazeka kakhulu koku, yaye kwakhona nangendlela ezimiswa ngayo
iirhafu zemihlaba.
Kufuneka sihlole kwakhona indlela iSALGA ethetha-thethana ngayo nabanamagunya
emimmandla ngoba asikwazi kuqhubeka ngale ndlela ebonakala ngathi
ayinakugcinakala. Kufuneka kwakhona sivavanye iindlela esizisebenzisayo ukuvavanya
iirhafu zemihlaba, ngoba oku kufuneka kube nobulungisa yaye kufuneka kuqinisekiswe
ukuba asigxothi bantu kumakhaya abo.
Kufuneka sishiyele abantwana bethu imbali eluqilima yezemali, ii-akhawunti
zikamasipala ezikwaziyo ukuhlawuleka, kodwa ngaxeshanye oomasipala abanemali
yokuzisebenzela.
10
Ukusebenzisana komnye nomnye
Mnu. uSomlomo, ekuqalekeni kulo nyaka iPhondo latshintsha ulawulo lwalo nokumila
kweendawo
zembutho
ezingaphakathi
kwamasebe
karhulumente.
IMbutho
yeNkulumbuso yoLungelelaniso imele ukuba ibe yindawo apho oomasipala nePhondo
babanothetha-thethwano khona. Izinto ezikwi-Agenda zinokuphakanyiswa zizo zombini
iphondo norhulumente wommandla, akukho bani ukhethekileyo. Sizenzile ezi nguqu
saza sahlanganisa kathathu iiMbutho zokuLungelelanisa zeNkulumbuso. Umoya
neengxoxo kwezi mbutho zibe zeziqinisekileyo nezithembisayo, yaye ndijonge phambili
kwiingxoxo ezizayo ezinemveliso entle noomasipala kunyaka ozayo.
IsiPhelo
Ukugqibezela, Mnu uSomlomo, yimfanelo yethu ukucinga ngengomso, kuba ungomso
ngowabantwana bethu.
Ndingathanda ukuba ndenze isibhambathiso kubantwana bale Provinsi: Ndiya kwenza
konke okusemandleni am ukuqinisekisa ukuba ngenye imini niya kulifumana ilifa
loomasipala abamamelayo baze baphendule kuni abakhupha iinkonzo ezifanelekileyo.
Ndiza kukhuthaza ulawulo lukamasipala oluvulelekileyo nolukhanyayo nolucocekileyo.
Ndiya kwenza konke endinakho ukwakha isiseko esiqinileyo ukuze nikwazi ukufikelela
ezinkwenkwezini.
11

Benzer belgeler

PUBLIC SERVICE COMMISSION

PUBLIC SERVICE COMMISSION Umceli ofuna ufikelelo kwiirekhodi equlethe ulwazi lobuqu olumalunga nomceli akufunwa ukuba ahlawule imali yesicelo. Wonke omnye umceli kufuneka ahlawule imali yesivcelo engama-R35 (ehlawulwa kumaz...

Detaylı

umurimo w`ibwirizabutumwa n`ubuvuzi

umurimo w`ibwirizabutumwa n`ubuvuzi Bahugura abantu mu ruhame, kuko ibyabo biri mu mucyo, ni iby’Imana, kandi nta nyungu bashaka ku bantu. Insanganyamatsiko yabo ni "Kwirinda kuruta kwivuza." Berekana aho indwara zituruka, kuko ziter...

Detaylı

ZUL60-0308 Ukwahlukaniswa koMoya VGR

ZUL60-0308 Ukwahlukaniswa koMoya VGR masingasho nelilodwa izwi eliyoba ngelingafanele. Kodwa kwangathi singaba nezinhliziyo eziqotho nezingqondo ezivulekile ukuze semukele izinto engeyaKho, ukuze sikwazi ukuphumela ngaphandle singene ...

Detaylı